-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 38:1|
Ke kaloku uShefatiya unyana kaMatan, noGedaliya unyana kaPashure, noYukali unyana kaShelemiya, noPashure unyana kaMalekiya, baweva amazwi abewathetha uYeremiya kubantu bonke, esithi,
-
2
|Jeremías 38:2|
Utsho uYehova ukuthi, Ohlala kulo mzi wofa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ophuma aye kumaKaledi wophila, ube lixhoba kuye umphefumlo wakhe, aphile.
-
3
|Jeremías 38:3|
Utsho uYehova ukuthi, Lo mzi uya kunikelwa esandleni sempi yokumkani waseBhabheli, awuthimbe.
-
4
|Jeremías 38:4|
Bathi ke abathetheli kukumkani, Mayibulawe le ndoda, ngokuba ngokwenjenje iwisa izandla zamadoda okulwa, aseleyo kulo mzi, nezandla zabantu bonke, ngokuthetha kubo amazwi anje; ngokuba le ndoda ayilungxamele uxolo lwaba bantu, ingxamele ububi babo.
-
5
|Jeremías 38:5|
Wathi ukumkani uZedekiya, Yabonani, usezandleni zenu; ngokuba ukumkani engenakuthini engenani.
-
6
|Jeremías 38:6|
Bamthabatha uYeremiya, bamphosa emhadini kaMalekiya unyana wokumkani, obusentendelezweni yabalindi; bamhlisa uYeremiya ngezintya emhadini, lowo ungenamanzi, unodaka; watshona eludakeni uYeremiya.
-
7
|Jeremías 38:7|
Weva uEbhedi-meleki umKushi, indoda elithenwa, ebisendlwini yokumkani, ukuba bamfake emhadini uYeremiya; ukumkani ke ubehleli esangweni lakwaBhenjamin.
-
8
|Jeremías 38:8|
Waphuma uEbhedi-meleki endlwini yokumkani, wathetha kukumkani, esithi,
-
9
|Jeremías 38:9|
Nkosi yam, kumkani, la madoda enze into embi ngako konke akwenzileyo kuYeremiya umprofeti lo, amphosa emhadini; uya kufa yindlala kuloo ndawo akuyo, ngokuba akusekho sonka kulo mzi.
-
10
|Jeremías 38:10|
Ukumkani wamwisela umthetho uEbhedi-meleki umKushi, esithi, Thabatha apha amadoda angamashumi amathathu asesandleni sakho umrhole uYeremiya umprofeti emhadini, engekafi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7