-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 39:1|
Kwathi, xenikweni iYerusalem ibithinjiwe (ngomnyaka wesithoba kaZedekiya ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi, akubonÂ’ ukuba ufikile eYerusalem uNebhukadenetsare nempi yakhe yonke, bayingqinga;
-
2
|Jeremías 39:2|
ngomnyaka weshumi elinamnye kaZedekiya, ngenyanga yesine, ngolwesithoba enyangeni leyo, wagqojozwa umzi),
-
3
|Jeremías 39:3|
bafika bonke abathetheli bokumkani waseBhabheli, bahlala esangweni laphakathi: ooNergale-sharetsere, noSamgare-nebho, noSarsekim umthetheli wamathenwa, noNergale-sharetsere umthetheli wezazi, nabanye abathetheli bonke bokumkani waseBhabheli.
-
4
|Jeremías 39:4|
Kwathi, akubabona uZedekiya ukumkani wakwaYuda namadoda onke okulwa, babaleka, baphuma ngobusuku phakathi komzi ngendlela yomyezo wokumkani, ngesango eliphakathi kweendonga, baphuma ngendlela yeArabha.
-
5
|Jeremías 39:5|
Impi yamaKaledi yabasukela, yamfikela uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yamthabatha, yenyuka naye, yamsa kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, eRibhela ezweni laseHamati; athethwa khona amatyala akhe.
-
6
|Jeremías 39:6|
Ukumkani waseBhabheli wababulala oonyana bakaZedekiya eRibhela emehlweni akhe; nabanumzana bonke bakwaYuda wababulala ukumkani waseBhabheli.
-
7
|Jeremías 39:7|
Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, ukuba asiwe eBhabheli.
-
8
|Jeremías 39:8|
AmaKaledi ayitshisa ngomlilo indlu yokumkani nezindlu zabantu, azidiliza neendonga zaseYerusalem.
-
9
|Jeremías 39:9|
Amasalela abantu abaseleyo phakathi komzi, amaphamba aphambelayo kuye, kwanamasalela abantu abaseleyo, wabafudusela eBhabheli uNebhuzaradan umthetheli wabasiki;
-
10
|Jeremías 39:10|
ke inxenye yabantu abazizisweli, abangenanto iyinto, uNebhuzaradan, inkulu yabasiki, wayishiya ezweni lakwaYuda, wayinika izidiliya namasimi ngaloo mhla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7