-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 10:1|
Liveni ilizwi alithethayo kuni uYehova, ndlu kaSirayeli.
-
2
|Jeremías 10:2|
Utsho uYehova ukuthi, Musani ukuziqhelisa indlela yeentlanga, ningaqhiphuki umbilini yimiqondiso yezulu, ngakuba iintlanga ziqhiphuke umbilini yiyo.
-
3
|Jeremías 10:3|
Ngokuba imimiselo yezizwe ayinto yanto. Kuba izithixo zingumthi ogawulwe ehlathini, sisenzo sezandla zengcibi ngezembe.
-
4
|Jeremías 10:4|
Izivathisa ngesilivere nangegolide; baziqinisa ngezikhonkwane nangezando, ukuba zingagexagexi.
-
5
|Jeremías 10:5|
Zinjengentsika echweliweyo, azithethi; zimele ukuthwalwa, ngokuba zingenakuhamba. Musani ukuzoyika; kuba azinakwenza bubi; kwanokulungisa azinako.
-
6
|Jeremías 10:6|
Akukho namnye unjengawe, Yehova; umkhulu wena, likhulu igama lakho, linobugorha.
-
7
|Jeremías 10:7|
Ngubani na ongeze akoyike, Kumkani weentlanga? Ngokuba kukufanele; kuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga, naphakathi kwezikumkani zonke, akukho namnye unjengawe.
-
8
|Jeremías 10:8|
Zizityhakala, ziinyabi zodwa; uqeqesho lwento engento, ngumthi.
-
9
|Jeremías 10:9|
Yisilivere ekhandiweyo, iziswa ivela eTarshishe, negolide yaseUfazi, isenzo sengcibi nesezandla zomnyibilikisi wegolide; yimisonto emsi nemfusa izambatho zazo; zonke ziphela zisisenzo sezilumko.
-
10
|Jeremías 10:10|
Ke yena uYehova nguThixo, inyaniso, nguThixo ophilileyo, ngukumkani ongunaphakade; ihlabathi liyanyikima buburhalarhume bakhe, neentlanga azinakuluthwala ubhavumo lwakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7