-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 43:1|
Kwathi, akugqiba uYeremiya ukuwathetha ebantwini bonke amazwi onke kaYehova uThixo wabo, awamthuma wona uYehova uThixo wabo kubo, onke la mazwi,
-
2
|Jeremías 43:2|
batsho ooAzariya unyana kaHoshaya, noYohanan unyana kaKareha, namadoda onke akhukhumeleyo, ukuthi kuYeremiya, Uthetha ubuxoki; uYehova uThixo wethu akakuthumanga kuthi, ukuba uthi, Ze ningayi eYiputa niphambukele khona;
-
3
|Jeremías 43:3|
uBharuki ke, unyana kaNeriya, uya kuxhokonxa ngakuthi, kuba efuna ukuba sinikelwe esandleni samaKaledi, ukuba asibulale, ukuba asifudusele eBhabheli.
-
4
|Jeremías 43:4|
UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, nabantu bonke, abaliphulaphula ilizwi likaYehova lokuba bahlale elizweni lakwaYuda.
-
5
|Jeremías 43:5|
UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, bawathabatha onke amasalela akwaYuda, abebuye evela ezintlangeni zonke abegxothelwe kuzo, ukuba aye kuphambukela ezweni lakwaYuda:
-
6
|Jeremías 43:6|
amadoda, nabafazi, nabantwana, neentombi zokumkani, nemiphefumlo yonke abeyishiye uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, noYeremiya umprofeti, noBharuki unyana kaNeriya.
-
7
|Jeremías 43:7|
Baya ke elizweni laseYiputa, ngokuba babengaliphulaphulanga izwi likaYehova; baya bafika eTapanesi.
-
8
|Jeremías 43:8|
Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya eTapanesi, lisithi,
-
9
|Jeremías 43:9|
Thabatha ngesandla sakho amatye amakhulu, uwaqhusheke eludakeni endaweni yokutshisa izitena, esemnyango wendlu kaFaro eTapanesi, emehlweni amadoda akwaYuda.
-
10
|Jeremías 43:10|
Uze uthi kuwo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiya kuthumela ndithabathe uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyibeke itrone yakhe ngaphezu kwala matye ndiwaqhushekileyo; aneke isivatho sakhe esihle ngaphezu kwawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7