-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 34:1|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, akubonÂ’ ukuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, enempi yakhe yonke, nezikumkani zonke zelizwe eliselulawulweni lwesandla sakhe, nezizwe zonke, uyalwa neYerusalem nemizi yayo yonke: lalisithi,
-
2
|Jeremías 34:2|
Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yiya, uthethe kuZedekiya ukumkani wakwaYuda, uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awutshise ngomlilo.
-
3
|Jeremías 34:3|
Ke wena akuyi kusinda esandleni sakhe; inene, uya kubanjwa, unikelwe esandleni sakhe, amehlo akho awabone amehlo okumkani waseBhabheli, umlomo wakhe uthethe nomlomo wakho, uve nawe eBhabheli.
-
4
|Jeremías 34:4|
Kodwa live ilizwi likaYehova, Zedekiya kumkani wakwaYuda; utsho uYehova ngawe, ukuthi, Akuyi kufa likrele,
-
5
|Jeremías 34:5|
Uya kufa unoxolo; ngokutshiselwa kooyihlo, ookumkani bamandulo ababekho ngaphambi kwakho, baya kwenjenjalo ukukutshisela; bakumbambazelele, besithi, Athi ke mna, nkosi! Ngokuba mna ndilithethile ilizwi; utsho uYehova.
-
6
|Jeremías 34:6|
Wawathetha ke uYeremiya umprofeti loo mazwi onke kuZedekiya ukumkani wakwaYuda, eYerusalem,
-
7
|Jeremías 34:7|
yakubonÂ’ ukuba impi yokumkani waseBhabheli iyalwa neYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda eseleyo, neLakishe, neAzeka; ngokuba kwakusele yona emizini yakwaYuda, iyimizi enqatyisiweyo.
-
8
|Jeremías 34:8|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, emveni kokwenza kokumkani uZedekiya umnqophiso nabantu bonke baseYerusalem, wokuvakalisa kubo inkululeko:
-
9
|Jeremías 34:9|
owokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe elingumHebhere, elingumHebherekazi, elikhulule, kungabikho umkhonzisayo umYuda umzalwana wakhe.
-
10
|Jeremías 34:10|
Baphulaphula ke abathetheli bonke nabantu bonke, abangenayo emnqophisweni wokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, elikhulule, angabi sabakhonzisa; baphulaphula ke, babandulula.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7