-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 52:1|
UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.
-
2
|Jeremías 52:2|
Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uYehoyakim.
-
3
|Jeremías 52:3|
Ngokuba ngenxa yomsindo kaYehova kwenzeka oko eYerusalem nakwaYuda, wada wabalahla ebusweni bakhe. UZedekiya wamana egwilika kukumkani waseBhabheli.
-
4
|Jeremías 52:4|
Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, yena nempi yakhe yonke, wayirhawula, wayakhela inqaba yokubonisela ngeenxa zonke.
-
5
|Jeremías 52:5|
Wangqingwa ke umzi, kwada kwaba ngumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya.
-
6
|Jeremías 52:6|
Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesine, yaqina indlala phakathi komzi, ababa nasonka abantu belizwe.
-
7
|Jeremías 52:7|
Wagqojozwa umzi; asaba onke amadoda okulwa, aphuma phakathi komzi ebusuku ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye ke amaKaledi ewujikelezile umzi); abamba ngendlela yaseArabha.
-
8
|Jeremías 52:8|
Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfumana uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yonke impi yakhe yamphalala, yemka kuye.
-
9
|Jeremías 52:9|
Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni leHamati; wawathetha apho amatyala akhe.
-
10
|Jeremías 52:10|
Ukumkani waseBhabheli wabasikela oonyana bakaZedekiya emehlweni akhe; nabathetheli bonke bakwaYuda wabasikela eRibhela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7