-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 21:1|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ekuthumeni kokumkani onguZedekiya ooPashure unyana kaMalekiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuye, ukuthi,
-
2
|Jeremías 21:2|
Khawusibuzele kuYehova, ngokuba uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esilwa nathi; mhlawumbi uYehova wosenzela ngokwemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo, enyuke esuke kuthi yena.
-
3
|Jeremías 21:3|
Wathi uYeremiya kubo, Notsho kuZedekiya ukuthi,
-
4
|Jeremías 21:4|
Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyazijika iimpahla zemfazwe ezisezandleni zenu, enilwa ngazo nokumkani waseBhabheli, namaKaledi aningqingayo, ngaphandle kodonga, ndizihlanganisele esazulwini salo mzi.
-
5
|Jeremías 21:5|
Ndiya kulwa nani mna ngesandla esolukileyo, nangengalo ethe nkqi, ndinomsindo, ndinobushushu, ndinoburhalarhume obukhulu.
-
6
|Jeremías 21:6|
Ndiya kubabetha abemi balo mzi, abantu kwaneenkomo; baya kufa yindyikitya yokufa enkulu.
-
7
|Jeremías 21:7|
Emveni koko, utsho uYehova, ndomnikela uZedekiya ukumkani wakwaYuda, nabakhonzi bakhe, nabantu abo baseleyo kulo mzi, endyikityeni yokufa, nasekreleni, nasendlaleni; ndibanikele esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, nasesandleni seentshaba zabo, nasesandleni sabawufunayo umphefumlo wabo; ababethe ngohlangothi lwekrele; akayi kuba nanceba kubo, akayi kubaconga, akayi kuba namfesane.
-
8
|Jeremías 21:8|
Ke kwaba bantu wothi, Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndibeka phambi kwenu indlela yobomi nendlela yokufa.
-
9
|Jeremías 21:9|
Othe wahlala kulo mzi uya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ke yena othe waphuma, waphambela kumaKaledi aningqingayo, uya kuphila umphefumlo wakhe, ube lixhoba kuye.
-
10
|Jeremías 21:10|
Ngokuba ubuso bam kulo mzi ndibumisele ububi, andibumisele okulungileyo, utsho uYehova; uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhaheli, awutshise ngomlilo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7