-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 12:1|
Ulilungisa, Yehova, xa ndibambeneyo nawe; ndothetha iindawo ezisesikweni zodwa. Kungathuba lini na ukuba indlela yabangendawo ibe nempumelelo, babe nokuchulumacha bonke abanginiza benginizile?
-
2
|Jeremías 12:2|
Ubatyele, bendela nokwendela iingcambu; bayakhula, benze neziqhamo. Usondele emlonyeni wabo, wakude ezintsweni zabo.
-
3
|Jeremías 12:3|
Wena, Yehova, uyandazi; uyandibona, uyicikida intliziyo yam enawe. Baqweqwedise njengeegusha, baxhelwe, ubangcwalisele umhla wokubulawa.
-
4
|Jeremías 12:4|
Kunini na ilizwe linesijwili, umfuno wamasimi onke womile? Ngenxa yeento ezimbi zabemi balo, ziphephethekile iinkomo neentaka; ngokuba besithi, Akayi kulibona ikamva lethu.
-
5
|Jeremías 12:5|
Xa ugidime nabeenyawo, bakudinisa, wothini na ukushiyiselana namahashe? Xa ukholose ngelizwe elinoxolo, wothini na ekweneni kweYordan?
-
6
|Jeremías 12:6|
Ngokuba nabazalwana bakho, nendlu kayihlo, banginizile kuwe nabo; bayamemeza emva kwakho nabo ngezwikazi elikhulu. Musa ukukholwa ngabo, xa bathetha izinto ezilungileyo kuwe.
-
7
|Jeremías 12:7|
Ndiyishiyile indlu yam, ndililahlile ilifa lam, ndiyinikele intanda yomphefumlo wam esandleni seentshaba zayo.
-
8
|Jeremías 12:8|
Ilifa lam lisuke laba njengengonyama yasehlathini kum, lindikhuphele ilizwi lalo; ngenxa yoko ndilithiyile.
-
9
|Jeremías 12:9|
Ilifa lam lukhozi oluthe chokochoko na kum, ukuba iinkozi zilingungele nje? Yizani, nihlanganise onke amarhamncwa asendle; waziseni adle.
-
10
|Jeremías 12:10|
Abalusi abaninzi basonakalisile isidiliya sam, basingqushile isiziba sam somhlaba; basibharhisile isiziba sam esinqwenelekayo, sayintlango.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7