-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 20:1|
Ke kaloku, uPashure unyana kaImere, umbingeleli, lowo ke ubengumveleli oyinganga endlwini kaYehova, weva uYeremiya eprofeta la mazwi.
-
2
|Jeremías 20:2|
UPashure wambetha uYeremiya umprofeti, wamfaka esitokisini esisesangweni lasentla lakwaBhenjamin, elisendlwini kaYehova.
-
3
|Jeremías 20:3|
Kwathi ngengomso, uPashure wamkhupha uYeremiya esitokisini. Wathi uYeremiya kuye, UYehova akathi linguPashure igama lakho; uthi linguNxunguphala ngeenxa zonke.
-
4
|Jeremías 20:4|
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikwenza ukuba uzinxunguphalise wena ngokwakho, nabo bonke abakuthandayo; bawe likrele leentshaba zabo, abone amehlo akho, ndiwanikele onke amaYuda esandleni sokumkani waseBhabheli, abafudusele eBhabheli, ababulale ngekrele.
-
5
|Jeremías 20:5|
Ndoyinikela yonke ingqwebo yalo mzi, nongeniselo lwawo lonke, neento zawo zonke ezinqabileyo; nobuncwane bonke bookumkani bakwaYuda ndibunikele ezandleni zeentshaba zabo, zibuphange, zibuthabathe, zibuse eBhabheli.
-
6
|Jeremías 20:6|
Wena Pashure, nabo bonke abahleli endlwini yakho, niya kuthinjwa; uye eBhabheli, ufele khona, ungcwatyelwe khona, wena nabakuthandayo bonke, abaprofetele ubuxoki.
-
7
|Jeremías 20:7|
Yehova undirhwebeshile, ndarhwebesheka; undibambile, wandeyisa, ndaba yintlekisa yonke imini; bonke bephela bayandigculela.
-
8
|Jeremías 20:8|
Ngokuba ndithi, ndakuthetha, ndikhale, ndidanduluke, ndithi, Lugonyamelo nobhuqo; ngokuba ilizwi likaYehova laba sisingcikivo nesicukucezo kum yonke imini.
-
9
|Jeremías 20:9|
Ndithi ndakuthi, Andisayi kumkhankanya, andisayi kuthetha egameni lakhe: kusuke entliziyweni yam kunge ngumlilo otshayo, uvalelwe emathanjeni am; ndadinwa kukunyamezela, andaba nako.
-
10
|Jeremías 20:10|
Ngokuba ndivile intlebendwane yabaninzi, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke. Xelani, simxele. Bonke abafo ababexolelene nam balinde ukuqhwalela kwam; bathi, Mhlawumbi angarhwebesheka, simeyise, simphindezele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7