-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 4:1|
Ukuba uthe wabuya, Sirayeli, utsho uYehova, wabuyela kum; wawasusa amazothe akho phambi kwam, akwaphalaphala;
-
2
|Jeremías 4:2|
wafunga wathi, Ehleli nje uYehova, ngokwenyaniso, ngokusesikweni, nangobulungisa; zozisikelela ngaye iintlanga, ziqhayise ngaye.
-
3
|Jeremías 4:3|
Ngokuba uthi uYehova kumadoda akwaYuda nakwiYerusalem, Zikhubeleleni intsinde, ningahlwayeli emithaneni enameva.
-
4
|Jeremías 4:4|
Zaluseleni kuYehova, nisuse ukungaluki kwentliziyo yenu, madoda akwaYuda, bemi baseYerusalem; hleze buphume ubushushu bam njengomlilo, buvuthe kungabikho ucimayo, ngenxa yobubi beentlondi zenu.
-
5
|Jeremías 4:5|
Xelani kwaYuda, nivakalise eYerusalem, nithi, Vuthelani isigodlo elizweni; dandulukani, nithi, Hlanganisanani, singene emizini enqatyisiweyo.
-
6
|Jeremías 4:6|
Phakamisani ibhanile ngaseZiyon, sabani, ningemi; kuba entla ndizisa ububi, nembubhiso enkulu.
-
7
|Jeremías 4:7|
Kunyuka ingonyama iphuma entshinyeleni yayo yehlathi, kunduluka umonakalisi weentlanga; uphuma endaweni yakhe, ukuze aliphanzise ilizwe lakho, imizi yakho yenziwe imiwewe, ingabi nabemi.
-
8
|Jeremías 4:8|
Ngenxa yoko bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, nibhomboloze; ngokuba ukuvutha komsindo kaYehova akubuyanga kuthi.
-
9
|Jeremías 4:9|
Kothi ke ngaloo mini, utsho uYehova, iphele intliziyo yokumkani nentliziyo yabathetheli; bamangaliswe ababingeleli, bangakhulumi abaprofeti.
-
10
|Jeremías 4:10|
Ndathi ke, Kwowu, Nkosi Yehova, inyaniso, ubalukuhlile kakhulu aba bantu neYerusalem, usithi, Niya kuba noxolo; libe ikrele lide lafika emphefumlweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7