-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 4:21|
Kunini na ndibona ibhanile, ndisiva isandi sesigodlo?
-
22
|Jeremías 4:22|
Kuba bamathile abantu bam, mna abandazi; ngoonyana abazizidenge, abanangqondo bona; banobulumko bokwenza ububi, ukulungisa abakwazi.
-
23
|Jeremías 4:23|
Ndakhangela emhlabeni, nanko kusenyanyeni, lilubala; nasezulwini, akwabakho kukhanya kulo.
-
24
|Jeremías 4:24|
Ndakhangela ezintabeni, nanzo zinyikima, neenduli zonke zididizela.
-
25
|Jeremías 4:25|
Ndakhangela, nanko ke kungekho mntu, neentaka zonke zezulu zibalekile.
-
26
|Jeremías 4:26|
Ndakhangela, nantso iKarmele iyintlango, yonke imizi yayo idilikile phambi koYehova, phambi kokuvutha komsindo wakhe.
-
27
|Jeremías 4:27|
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kuya kuba senkangala kulo lonke ilizwe; kodwa ndingaligqibeli kuphele.
-
28
|Jeremías 4:28|
Ngenxa yoko ihlabathi liya kuba nesijwili, libe nezimnyama zokuzila izulu ngaphezulu; ngenxa enokuba ndithethile, ndinkqangiyele, andisayi kuzohlwaya, andiyi kubuya umva kuloo nto.
-
29
|Jeremías 4:29|
Ngesandi sabamahashe nabezaphetha, iyabaleka yonke imizi; bangena ezintshinyeleni zehlathi, benyuka emixawukeni; yonke imizi ishiyiwe, akuhlali mntu kuyo.
-
30
|Jeremías 4:30|
Ke wena ubhuqiweyo, uyakuthini na? Nokuba uthe wambatha ezibomvu, nokuba uthe wavatha izivatho zegolide, nokuba uthe wawazoba amehlo akho ngestibhiya, ufumane wahomba: ziya kukucekisa izithandane, zifuna umphefumlo wakho,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3