-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 30:1|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lalisithi,
-
2
|Jeremías 30:2|
Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe;
-
3
|Jeremías 30:3|
ngokuba, uyabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaYuda, utsho uYehova; ndibabuyisele ezweni endalinika ooyise, ukuba balime.
-
4
|Jeremías 30:4|
Ngawo la ke amazwi, awawathethayo uYehova ngokusingisele kumaSirayeli, nakumaYuda.
-
5
|Jeremías 30:5|
Utshilo ke uYehova ukuthi, Sive izwi eligubhisayo; lelinkwantyisayo, asililo eloxolo.
-
6
|Jeremías 30:6|
Khanibuzise nikhangele, ukuba indoda yakha yamitha na? Yini na ukuba ndibone abafo bonke, izandla zabo zisemanqeni abo njengomfazi ozalayo, ubuso bonke busuke baluthuthu?
-
7
|Jeremías 30:7|
Athi ke ukuba mkhulu loo mhla! Akukho unjengawo; lixesha lembandezelo kuYakobi; ke uya kusindiswa kuyo.
-
8
|Jeremías 30:8|
Kothi ke ngaloo mhla, utsho uYehova wemikhosi, ndiyaphule idyokhwe yakhe entanyeni yakho, ndiziqhawule izitropu zakho, bangabi samkhonzisa abasemzini;
-
9
|Jeremías 30:9|
bakhonze uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo, endiya kubavelisela yena.
-
10
|Jeremías 30:10|
Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova, ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukusindisa usekude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7