-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 30:11|
Ngokuba ndinawe, utsho uYehova, ukuze ndikusindise; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endakuphangalalisela kuzo; kodwa andiyi kukugqibela kuphele; ndokuthethisa ngokusesikweni, ndingathi umsulwa kwakanye.
-
12
|Jeremías 30:12|
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Ukwaphuka kwakho asikuko nokuba kuyabulala, libuhlungu inxeba lakho.
-
13
|Jeremías 30:13|
Akukho ugweba ityala lakho, upholisa inxeba; akunaye okubophayo.
-
14
|Jeremías 30:14|
Zonke izithandane zakho zikulibele, azikukhathalele; ngokuba ndikubethile ngobetho lotshaba, ngentethiso enobujorha, ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, ngenxa yokuba zininzi izono zakho.
-
15
|Jeremías 30:15|
Ukhalelani na ngenxa yokwaphuka kwakho? Asikuko nokuba uyabulala umvandedwa wakho! Ndizenzile ezo nto kuwe ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, nangenxa yokuba zininzi izono zakho.
-
16
|Jeremías 30:16|
Ngako oko bonke abakudlayo baya kudliwa, nababandezeli bakho bonke bephela baya kuthinjwa, nabadywidi bakho badywidwe nabaphangi bakho bonke ndibanikele ekuphangweni.
-
17
|Jeremías 30:17|
Ngokuba ndiya kukubopha, ndiyipholise imivumbo yakho, utsho uYehova; ngokokuba bathi unguGxothiwe, uyiZiyon engakhathalelwe bani.
-
18
|Jeremías 30:18|
Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kweentente zikaYakobi, ndibe nemfesane ngenxa yeminquba yakhe; umzi wakhelwe emmangweni wawo, luhlalwe uxande olude ngokwesiko lalo.
-
19
|Jeremías 30:19|
Wophuma kuzo umbulelo nezwi labaqambayo; ndibandise, bangabi mbalwa; ndibazukise, banganciphi.
-
20
|Jeremías 30:20|
Oonyana babo boba njengokwamandulo, lizimaseke phambi kwam ibandla labo, ndibavelele bonke abaxini babo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4