-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 51:1|
Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndixhoxhela iBhabheli, nabahleli ngaphakathi kwabasukela phezulu kum, umoya womonakalisi.
-
2
|Jeremías 51:2|
Ndiya kuthumela eBhabheli abasemzini, abaya kuyela; balithi qongqololo ilizwe layo; ngokuba boyifikela ngeenxa zonke ngemini yobubi.
-
3
|Jeremías 51:3|
Umtyedi wesaphetha makagobele kogobayo, nakozinyusayo, enengubo yentsimbi, ningawayeki amadodana ayo; singelani phantsi wonke umkhosi wayo;
-
4
|Jeremías 51:4|
bawe ababuleweyo ezweni lamaKaledi, nabahlatywe amahlanza ezitratweni zayo.
-
5
|Jeremías 51:5|
Ngokuba uSirayeli, kwanoYuda, akashiywanga wangumhlolokazi nguThixo wakhe, nguYehova wemikhosi; kuba ilizwe labo lizele lityala koyiNgcwele kaSirayeli.
-
6
|Jeremías 51:6|
Sabani niphume eBhabheli, nisize elowo umphefumlo wakhe; maningadaki ngenxa yobugwenxa bayo; ngokuba eli lixesha lempindezelo kuYehova; uya kubuyekeza kuyo kwaimpatho yayo.
-
7
|Jeremías 51:7|
IBhabheli ibe iyindebe yegolide esandleni sikaYehova, ilinxilisa lonke ihlabathi; zasela iintlanga ewayinini yayo. Ngako oko ziyageza iintlanga.
-
8
|Jeremías 51:8|
Iwile iBhabheli ngesiquphe, yaphuka; bhombolozani ngenxa yayo; intlungu yayo yithabatheleni amafutha aqholiweyo, mhlawumbi ingapholiswa.
-
9
|Jeremías 51:9|
Bathi, Siba ngayinyanga iBhabheli, ayiphili; yishiyeni, sihambe siye elowo ezweni lakowabo; ngokuba ityala layo lifike emazulwini, liphakamele esibhakabhakeni.
-
10
|Jeremías 51:10|
UYehova ubuvelisile ubulungisa bethu; yizani sibalise eZiyon isenzo sikaYehova uThixo wethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7