-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 32:1|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ngomnyaka weshumi kaZedekiya ukumkani wakwaYuda; loo mnyaka ke ngumnyaka weshumi elinesibhozo kaNebhukadenetsare.
-
2
|Jeremías 32:2|
Oko ke impi yokumkani waseBhabheli ibiyingqingile iYerusalem, uYeremiya umprofeti evalelwe entendelezweni yentolongo, yendlu yokumkani wakwaYuda.
-
3
|Jeremías 32:3|
Kuba ebevalelwe kuyo nguZedekiya ukumkani wakwaYuda, esithi, Yini na ukuba uthi ukuprofeta kwakho, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;
-
4
|Jeremías 32:4|
angasindi esandleni samaKaledi uZedekiya ukumkani wakwaYuda; uya kunikelwa okunene esandleni sokumkani waseBhabheli; umlomo wakhe uthethe nomlomo wakhe, amehlo akhe abone amehlo akhe;
-
5
|Jeremías 32:5|
amse uZedekiya eBhabheli, abe khona ndide ndimvelele, utsho uYehova; xa nithe nalwa namaKaledi, aniyi kuba nampumelelo.
-
6
|Jeremías 32:6|
Wathi uYeremiya, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
7
|Jeremías 32:7|
Yabona, uHanameli, unyana kaShalum uyihlokazi, uza kuwe, esithi, Yithenge intsimi yam eseAnatoti; ngokuba kulunge nawe ukuyithenga uyikhulule ngentlawulelo.
-
8
|Jeremías 32:8|
Weza ke kum entendelezweni yentolongo uHanameli, unyana kabawokazi, ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Khawuyithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; ngokuba lilunge nawe ilifa, kokwakho ukuyikhulula ngokumisela; zithengele. Ndazi ke ukuba lilizwi likaYehova elo.
-
9
|Jeremías 32:9|
Ndayithenga ke intsimi kuHanameli, unyana kabawokazi, eseAnatoti, ndamlinganisela imali leyo, iishekele ezilishumi zesilivere ezineeshekele ezisixhenxe.
-
10
|Jeremías 32:10|
Ndakubhala ke encwadini, ndayitywina, ndangqinisa amangqina, ndayilinganisela imali ngesikali.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7