-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 32:21|
Wabakhupha abantu bakho amaSirayeli ezweni leYiputa ngemiqondiso, nangezimanga, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangoloyikiso olukhulu.
-
22
|Jeremías 32:22|
Wabanika eli lizwe wabafungelayo ooyise, ukuba ubanike ilizwe elibaleka amasi nobusi.
-
23
|Jeremías 32:23|
Beza ke balihlala; kodwa abaliphulaphula izwi lakho, abahamba ngomyalelo wakho; konke owabawiselayo umthetho ngako ukuba bakwenze, abakwenza; wabahlisela ke bonke obu bubi.
-
24
|Jeremías 32:24|
Yabona, iindonga zokungqinga zifikile kulo mzi, ukuba ziwuthimbe; umzi ke unikelwe esandleni samaKaledi alwayo nawo ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa. Ilizwi owalithethayo lenzekile; nali ulibona.
-
25
|Jeremías 32:25|
Ke wena, Nkosi yam Yehova, uthe kum, Zithengele intsimi ngemali, ungqinise amangqina; wakubona ukuba umzi lo unikelwe esandleni samaKaledi.
-
26
|Jeremías 32:26|
Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,
-
27
|Jeremías 32:27|
Yabona, ndinguYehova, uThixo wenyama yonke; kukho nto indinqabeleyo na?
-
28
|Jeremías 32:28|
Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni samaKaledi, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;
-
29
|Jeremías 32:29|
eze amaKaledi alwayo nalo mzi, awufake isikhuni, awutshise nezindlu abeqhumisela kuBhahali phezu kophahla lwazo, bathululela thixweni bambi iminikelo ethululwayo, ukuze bandiqumbise.
-
30
|Jeremías 32:30|
Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda baye besenza ububi bodwa emehlweni am kwasebuncinaneni babo; ngokuba oonyana bakaSirayeli ngabaqumbisi bodwa kum, ngezenzo zezandla zabo; utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21