-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Jeremías 32:31|
Ngokuba lo mzi waba sisisulu somsindo wam nobushushu bam, kususela kwimini owakhiwa ngayo, kude kube yile mini; ukuze ndiwususe ebusweni bam,
-
32
|Jeremías 32:32|
ngenxa yobubi bonke boonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda, ababenzileyo ukuba bandiqumbise, bona, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo, namadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem.
-
33
|Jeremías 32:33|
Bandinikela ikhosi, abandinikela ubuso; bafundiswa, befundiswa kwakusasa, abaphulaphula ububa bakuvume ukuqeqeshwa.
-
34
|Jeremías 32:34|
Babeka izinto zabo ezinezothe endlwini ebizwa ngegama lam, ukuze bayenze inqambi;
-
35
|Jeremías 32:35|
bamakhela uBhahali iziganga ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze babacandisele uMoleki oonyana babo neentombi zabo, into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam, ukuba bawenze loo masikizi, ukuze bawenze one amaYuda.
-
36
|Jeremías 32:36|
Kukaloku ke, ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kulo mzi, enithi, Unikelwe esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa: ukuthi,
-
37
|Jeremías 32:37|
Yabona, ndiyababutha emazweni onke, endabagxothela kuwo ngomsindo wam, nangobushushu bam, nangoburhalarhume obukhulu; ndobabuyisela kule ndawo, ndibahlalise bekholosile.
-
38
|Jeremías 32:38|
Baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo;
-
39
|Jeremías 32:39|
ndibanike intliziyo enye, nendlela enye, ukuze bandoyike imihla yonke, kulunge kubo, nakoonyana babo emva kwabo.
-
40
|Jeremías 32:40|
Ndiya kubenzela umnqophiso ongunaphakade, ukuba ndingabuyi ekubalandeleni, ukuba ndibenzele okulungileyo, ndibeke ukundoyika entliziyweni yabo, ukuze bangandishiyi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3