-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 32:11|
Ndayithabatha ke incwadi yentengo, leyo itywiniweyo inomthetho nemimiselo, naleyo ivulekileyo;
-
12
|Jeremías 32:12|
ndayinikela incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, emehlweni kaHanameli okabawokazi, nasemehlweni amangqina lawo abhalileyo encwadini yentengo, nasemehlweni amaYuda onke abehleli entendelezweni yentolongo.
-
13
|Jeremías 32:13|
Ndamwisela uBharuki umthetho emehlweni abo, ndisithi,
-
14
|Jeremías 32:14|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha ezi ncwadi, incwadi yentengo le itywiniweyo, nencwadi le ivulekileyo, uzibeke esityeni somdongwe, ukuze zihlale imihla emininzi.
-
15
|Jeremías 32:15|
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kuya kubuya kuthengwe izindlu, namasimi, nezidiliya, kweli lizwe.
-
16
|Jeremías 32:16|
Ndathandaza kuYehova emveni kokuyinikela kwam incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, ndathi,
-
17
|Jeremías 32:17|
Awu, Nkosi yam Yehova, yabona, walenza izulu nehlabathi ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo; akukho nto ikunqabeleyo.
-
18
|Jeremías 32:18|
Unguwenza inceba kumawaka, uphindezela ubugwenxa booyise esondweni loonyana babo emva kwabo; uloThixo mkhulu, uligorha, ugama lakhe linguYehova wemikhosi;
-
19
|Jeremías 32:19|
ucebo likhulu, uzenzo zincamisileyo ngamandla; umehlo avulekileyo phezu kweendlela zonke zoonyana babantu, ukuba umnike ulowo ngokweendlela zakhe, nangokweziqhamo zezenzo zakhe;
-
20
|Jeremías 32:20|
wamisayo imiqondiso nezimanga ezweni laseYiputa, unanamhla, nakumaSirayeli nakwabanye abantu, wazenzela igama, njengoko kunjalo namhla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21