-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 29:1|
Ngawo la amazwi encwadi awayithumelayo uYeremiya umprofeti, eseYerusalem, kumasalela amadoda amakhulu afudusiweyo, nakubabingeleli, nakubaprofeti, nakubantu bonke, awayebafudusile eYerusalem uNebhukadenetsare, wabasa eBhabheli
-
2
|Jeremías 29:2|
(emva kokuphuma kukaYekoniya ukumkani, nenkosikazi, namagosa, nabathetheli bakwaYuda neYerusalem, neengcibi, nabakhandi eYerusalem);
-
3
|Jeremías 29:3|
awayithumelayo ngesandla sikaElasa unyana kaShafan, noGemariya unyana kaHilekiya (awabathumelayo uZedekiya ukumkani wakwaYuda kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli eBhabheli), isithi:
-
4
|Jeremías 29:4|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, kwabafudusiweyo bonke, endibafuduse eYerusalem, ukuba basiwe eBhabheli, ukuthi,
-
5
|Jeremías 29:5|
Yakhani izindlu, nihlale kuzo; tyalani imiyezo, nidle iziqhamo zayo.
-
6
|Jeremías 29:6|
Zekani abafazi, nizale oonyana neentombi, nibazekele abafazi oonyana benu, iintombi zenu nizendisele kumadoda, zizale oonyana neentombi, nande khona, ninganciphi.
-
7
|Jeremías 29:7|
Nize nizamele uxolo lomzi endinifudusele kuwo, niwuthandazele kuYehova; ngokuba niya kuba noxolo ngoxolo lwawo.
-
8
|Jeremías 29:8|
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mabanganilukuhli abaprofeti benu abaphakathi kwenu, kwanabavumisi benu, ningawaphulaphuli amaphupha enu eniwaphuphayo.
-
9
|Jeremías 29:9|
Ngokuba baniprofetela ubuxoki egameni lam; andibathumanga; utsho uYehova.
-
10
|Jeremías 29:10|
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Xenikweni iBhabheli izaliselwe iminyaka emashumi asixhenxe, ndiya kunivelela, ndilimise kuni ilizwi lam elilungileyo, lokunibuyisela kule ndawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7