-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 48:1|
Ngokusingisele kwelakwaMowabhi, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Yeha iNebho, ngokuba ibhuqiwe. Ihlazisiwe, ithinjiwe iKiriyatayim; ihlazekile, iqhiphuke umbilini ingxonde leyo.
-
2
|Jeremías 48:2|
Iqhayiya lakwaMowabhi alisekho; eHeshbhon bacebe ububi ngaye, bathi, Yizani simnqumle, angabi luhlanga. Nawe, Mademena, uya kudaka; ikrele liya kukulandela.
-
3
|Jeremías 48:3|
Phulaphulani ukukhala eHoronayim! Yimbuqo nokwaphuka okukhulu!
-
4
|Jeremías 48:4|
UMowabhi waphukile, iimbedlenge zakhe zivakala zikhala.
-
5
|Jeremías 48:5|
Ngokuba ekunyukeni eqhineni laseLuhoti, baya kulila, balile; ngokuba ekuhleni eHoronayim ababandezelwa baya kuvakala bekhaliswa kukwaphulwa.
-
6
|Jeremías 48:6|
Sabani, sizani imiphefumlo yenu, yibani njengoze entlango.
-
7
|Jeremías 48:7|
Ngenxa enokuba ukholose ngezenzo zakho nangobuncwane bakho, nawe uya kuthinjwa, aphume afuduswe uKemoshe, ababingeleli bakhe nabathetheli bakhe kunye.
-
8
|Jeremías 48:8|
Uya kufika umbhuqi emizini yonke, kungasindi mzi, idake intili, litshabalale ihewu, njengoko watshoyo uYehova.
-
9
|Jeremías 48:9|
Mnikeni amaphiko uMowabhi; ngokuba wophuma ebaleka, imizi yakhe ibe ngamanxuwa, ingemiwa.
-
10
|Jeremías 48:10|
Makaqalekiswe owenza umsebenzi kaYehova ngokudangala, aqalekiswe onqanda ikrele lakhe egazini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7