-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Jeremías 48:41|
Ithinjiwe iKeriyoti, zihluthiwe iimboniselo. Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaMowabhi iya kuba njengentliziyo yomfazi onenimba;
-
42
|Jeremías 48:42|
atshabalale uMowabhi, angabi ngaba ntu, ngokuba ebezikhulisile kuYehova.
-
43
|Jeremías 48:43|
Ufikelwe lunkwantyo, nomgongxo, nesibatha, mmi wakwaMowabhi; utsho uYehova.
-
44
|Jeremías 48:44|
Osaba unkwantyo uya kweyela emgongxweni; ophuma emgongxweni uya kubanjiswa sisibatha; ngokuba ndiya kumzisela yena uMowabhi umnyaka wokuvelelwa kwakhe; utsho uYehova.
-
45
|Jeremías 48:45|
Phantsi komthunzi weHeshbhon kuya kuma abasabi abangenamandla; ngokuba kuya kuphuma umlilo eHeshbhon, nelangatye phakathi kwaSihon, udle ummandla wakwaMowabhi nokakayi lwabengxolo.
-
46
|Jeremías 48:46|
Yeha, wena Mowabhi! Batshabalele abantu bakaKemoshe, ngokuba, oonyana bakho baya kuthatyathwa bethinjiwe, neentombi zakho zisiwe ekuthinjweni.
-
47
|Jeremías 48:47|
Ke ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaMowabhi ekupheleni kwemihla; utsho uYehova. Uze wafika apha umgwebo wakwaMowabhi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21