-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 48:11|
Wonwaba uMowabhi kwasebuncinaneni bakhe, wee tywa phezu kweentsipho zakhe; akakhutshelwanga kwesinye isitya, akahambanga efuduswa; ngenxa yoko isongo sakhe sihleli kuye, nevumba lakhe aliguqukanga.
-
12
|Jeremías 48:12|
Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuthumela abathululi kuye, bamthulule, bazikhuphele izitya zakhe, bayiqhekeze imiphanda yakhe.
-
13
|Jeremías 48:13|
Uya kudana uMowabhi nguKemoshe, njengoko yadanayo indlu kaSirayeli yiBheteli, inkoloseko yayo.
-
14
|Jeremías 48:14|
Ningathini na ukuthi, Singamagorha, singamadoda anobukroti emfazweni?
-
15
|Jeremías 48:15|
Uyabhuqwa uMowabhi, imizi yakhe iyenyukwa, amadodana akhe anyuliweyo athobela ekusikweni; utsho uKumkani ogama lakhe linguYehova wemikhosi.
-
16
|Jeremías 48:16|
Kusondele, kuza kufika, ukusindeka kukaMowabhi; ububi bakhe buyangxama kakhulu.
-
17
|Jeremías 48:17|
Hlunguzelani iintloko ngaye, nonke nina ningeenxa zonke kuye, nonke nina nilaziyo igama lakhe. Yithini, Yoo! Itheni na ukwaphuka intonga yonamandla, uluthi lokuhomba.
-
18
|Jeremías 48:18|
Yihla eluzukweni, uhlale phantsi kwelinenxano, mmi, ntombi yaseDibhon; ngokuba umbhuqi kaMowabhi unyuke weza kuwe, uzonakalisile iinqaba zakho.
-
19
|Jeremías 48:19|
Yima ngasendleleni, ubonisele, mmi waseArohere; buza kwindoda esabileyo nakwintokazi esindileyo; yithi, Kukho ntoni na?
-
20
|Jeremías 48:20|
UMowabhi uhlazekile, ngokuba uqhiphuke umbilini; bhombolozani nikhale; xelani eArnon, nithi, Ubhuqiwe uMowabhi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7