-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Jeremías 48:31|
Ngako oko ndiyabhomboloza ngenxa kaMowabhi, ndikhale ngenxa kaMowabhi wonke ephela; bayancwina ngenxa yamadoda aseKir-heres.
-
32
|Jeremías 48:32|
Ngaphezu kokulila kweYazere ndiya kulilela wena, mdiliya waseSibhema, omasebe awela ulwandle, ada aya kufika elwandle lwaseYazere; ekuvunweni kweziqhamo nasekuvunweni kweediliya zakho kugaleleke umbhuqi.
-
33
|Jeremías 48:33|
Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo, naselizweni lakwaMowabhi; ndiyiphelisile iwayini emkhombeni; abayi kuxovula benamayeyeye; amayeyeye abo aya kuba ngamayeyeye angelutho.
-
34
|Jeremías 48:34|
Ukukhala eHeshbhon kuse e-Elale, kuse eYahazi; balikhuphile izwi labo, kuthabathele eTsohare kwesa eHoronayim, nase-Egelati yesithathu; ngokuba kwanamanzi aseNimrim aya kuthi qoko.
-
35
|Jeremías 48:35|
Ndiya kumphelisa kwaMowabhi, utsho uYehova, onyuka isiganga ukuba aqhumisele koothixo bakhe.
-
36
|Jeremías 48:36|
Ngako oko intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa kaMowabhi; intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa yamadoda aseKir-heres; ngako oko indyebo ababeyizuzile itshabalele.
-
37
|Jeremías 48:37|
Kuba zonke iintloko zigugulwe, zonke iindevu zichetyiwe; ezandleni zonke ziintlanga, ezinqeni ziingubo ezirhwexayo.
-
38
|Jeremías 48:38|
Phezu kwezindlu zonke zakwaMowabhi nasezitratweni zakhe kukumbambazela kodwa; ngokuba ndimaphule uMowabhi njengesitya esingananziweyo; utsho uYehova.
-
39
|Jeremías 48:39|
Bayabhomboloza; hayi, ukuqhiphuka kwakhe umbilini! Hayi, ukunikela kukaMowabhi ikhosi kukudana! Uyintlekisa, uyoyikwa ngabo bonke abangeenxa zonke kuye.
-
40
|Jeremías 48:40|
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Uyabona, utshaba luyatshwebeleza njengexhalanga, lolule amaphiko alo phezu koMowabhi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7