-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 29:21|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kuAhabhi unyana kaKolaya, nakuZedekiya unyana kaMahaseya, abaniprofetela ubuxoki egameni lam, ukuthi, Yabonani, ndibanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababulale emehlweni enu;
-
22
|Jeremías 29:22|
kuzekelwe kubo ukutshabhisa ngabafudusiweyo bonke bakwaYuda abaseBhabheli, kuthiwe, UYehova makakwenze ube njengoZedekiya, nanjengoAhabhi, awabachanabayo emlilweni ukumkani waseBhabheli;
-
23
|Jeremías 29:23|
ngenxa yokuba benze ubudenge kwaSirayeli, babakrexeza abafazi babamelwane babo, bathetha amazwi obuxoki egameni lam, endingabawiselanga methetho ngawo. Ndiyazi mna, ndilingqina, utsho uYehova.
-
24
|Jeremías 29:24|
Ngokusingisele kuShemaya waseNehelam wothetha, uthi,
-
25
|Jeremías 29:25|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba wena uthumele incwadi egameni lakho kubantu bonke abaseYerusalem, nakuZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, nakubabingeleli bonke, usithi,
-
26
|Jeremías 29:26|
UYehova ukwenze umbingeleli esikhundleni sikaYoyada umbingeleli, ukuze kubekho abaveleli endlwini kaYehova ngenxa kabani wonke obhudayo, ozenza umprofeti, ukuba umfake esitokisini nasentanjeni.
-
27
|Jeremías 29:27|
Yini na ngoku, ukuba ungamkhalimeli uYeremiya waseAnatoti, ozenza umprofeti kuni?
-
28
|Jeremías 29:28|
Ngokuba ngenxa yoko uthumele kuthi eBhabheli, esithi, Inde le nto; yakhani izindlu, nihlale kuzo; tyalani imiyezo, nidle iziqhamo zayo.
-
29
|Jeremías 29:29|
UZefaniya umbingeleli wayilesa loo ncwadi ezindlebeni zikaYeremiya umprofeti.
-
30
|Jeremías 29:30|
Kwafika ke ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7