-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Jeremías 51:31|
Isigidimi siyagidima, siqubisana nesigidimi; umbiki uqubisana nombiki, abike kukumkani waseBhabheli ukuba umzi wakhe uthinjwe kwaphela.
-
32
|Jeremías 51:32|
Amazibuko avingciwe, amadike atshe ngumlilo, amadoda okulwa akhwankqisiwe.
-
33
|Jeremías 51:33|
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Intombi eyiBhabheli injengesanda ngexesha lokugangathwa kwaso; kusaya kuba ngumzuzwana, lifike ixesha lokuvuna kuyo.
-
34
|Jeremías 51:34|
Wasibhubhisa thina, wasincinitha uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wasibeka saba sisitya esize; wasiginya njengengwenya, wahluthisa isisu sakhe ngokudla kwethu okumnandi, wasigxotha.
-
35
|Jeremías 51:35|
Ukugonyamelwa kwam nenyama yam makube phezu kweBhabheli, makatsho ummi waseZiyon; igazi lam malibe phezu kwabemi belamaKaledi, mayitsho iYerusalem.
-
36
|Jeremías 51:36|
Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyalithetha ityala lakho, ndiphindezele impindezelo yakho, ndilutshise ulwandle lwayo, ndilomise ithende layo;
-
37
|Jeremías 51:37|
iBhabheli iya kuba ngumwewe, isikhundla seempungutye, ummangaliso nomsondlo, ingabi nammi.
-
38
|Jeremías 51:38|
Bonke bephela bangabharhula njengeengonyama ezintsha, bangavungama njengamathole engonyamakazi.
-
39
|Jeremías 51:39|
Kanti ke ebushushwini babo ndiya kubenzela umgidi wabo, ndibanxilise, ukuze badlamke, balale ubuthongo obungunaphakade, bangavuki; utsho uYehova.
-
40
|Jeremías 51:40|
Ndiya kubathobela ekuxhelweni njengamatakane, njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4