-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 39:11|
Ke kaloku, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli wawisa umthetho ngoYeremiya ngesandla sikaNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, esithi,
-
12
|Jeremías 39:12|
Mthabathe, umise amehlo akho kuye, ungenzi nto imbi kuye; wothi, njengoko akuthethayo kuwe, wenjenjalo kuye.
-
13
|Jeremías 39:13|
Ke bathuma ooNebhuzaradan umthetheli wabasiki, noNebhushazebhan umthetheli wamathenwa, noNergale-sharetsere umthetheli wezazi, nabathetheli bonke bokumkani waseBhabheli;
-
14
|Jeremías 39:14|
bathuma bamthabatha uYeremiya entendelezweni yabalindi, bamnikela kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, ukuba amkhuphe amse ekhaya. Wahlala ke phakathi kwabantu.
-
15
|Jeremías 39:15|
Ke kaloku, kwaye kufike ilizwi likaYehova kuYeremiya, akuba evalelwe entendelezweni yabalindi, lisithi,
-
16
|Jeremías 39:16|
Yiya uthi kuEbhedi-meleki umKushi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, amazwi am ndiwazisela ububi kulo mzi, andiwaziseli okulungileyo; aya kwenzeka phambi kwakho ngaloo mhla.
-
17
|Jeremías 39:17|
Ke ndokuhlangula ngaloo mhla, utsho uYehova, unganikelwa esandleni samadoda onxungupheleyo ngawo.
-
18
|Jeremías 39:18|
Ngokuba, inene, ndiya kukusiza, ungawi likrele; uya kuba lixhoba kuwe umphefumlo wakho, ngokuba ukholose ngam; utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3