-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 5:11|
Ngokuba itshinizile kakhulu kum indlu kaSirayeli nendlu kaYuda, utsho uYehova.
-
12
|Jeremías 5:12|
Bayamkhanyela uYehova; bathi, Asinguye, abuyi kusifikela ububi, asiyi kubona krele nandlala;
-
13
|Jeremías 5:13|
abaprofeti baya kuba ngumoya; othethayo akakho kubo; makwenjiwe njalo kubo.
-
14
|Jeremías 5:14|
Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle.
-
15
|Jeremías 5:15|
Yabona, ndifikisa phezu kwenu, ndlu kaSirayeli, uhlanga lwakude, utsho uYehova; luhlanga oluqinileyo, luhlanga oludala, luhlanga oluntetho ungayaziyo, ongayivayo into oluyithethayo.
-
16
|Jeremías 5:16|
Umphongolo walo unjengengcwaba elivulekileyo; bonke bephela bangamagorha.
-
17
|Jeremías 5:17|
Luya kukudla ukuvuna kwakho nesonka sakho; luya kubadla oonyana bakho neentombi zakho; luya kuyidla impahla yakho emfutshane neenkomo zakho; luya kuwudla umdiliya wakho nomkhiwane wakho; luya kuyiviva ngekrele imizi yakho enqatyisiweyo, okholose ngayo.
-
18
|Jeremías 5:18|
Noko ke ngaloo mihla, utsho uYehova, andiyi kunigqibela kuphele.
-
19
|Jeremías 5:19|
Kuthi, xa nithi, UYehova uThixo wethu uzenzeleni na ezo zinto zonke kuthi? uze uthi kubo, Njengokuba nindishiyile mna, nakhonza oothixo bolunye uhlanga ezweni lenu, kwangokunjalo niya kukhonza abasemzini ezweni elingelenu.
-
20
|Jeremías 5:20|
Kuxeleni oku endlwini kaYakobi, nikuvakalise kwaYuda, nithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21