-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 5:21|
Khanive oku, bantu bazizidenge, bangenantliziyo; banamehlo, bengaboni; baneendlebe, bengeva.
-
22
|Jeremías 5:22|
Mna anindoyiki na? utsho uYehova; anizibhijabhiji na ebusweni bam, mna ndiyibekileyo intlabathi yangumda wolwandle, yangummiselo ongunaphakade olungawugqithiyo? Ayalatyuza amaza alo, angabi nakwenza nto; agqume, angawugqithi.
-
23
|Jeremías 5:23|
Ke aba bantu banentliziyo eyinjubaqa, eneenkani; bakreqile bemka.
-
24
|Jeremías 5:24|
Abatsho nokuthi ezintliziyweni zabo, Makhe soyike uYehova uThixo wethu, osinika imvula ethambisayo nevuthisayo ngexesha elililo; osigcinela iiveki ezimisiweyo zasekwindla.
-
25
|Jeremías 5:25|
Izenzo zenu ezigwenxa zizisunduzile ezo zinto, izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.
-
26
|Jeremías 5:26|
Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam; bayalalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu.
-
27
|Jeremías 5:27|
Njengendlwane izele ziintaka, zinjalo izindlu zabo ukuzala yinkohliso; ngenxa yoko bakhulile baba zizityebi.
-
28
|Jeremías 5:28|
Batyebile, bagudile; kananjalo bagqithisele ngezinto ezimbi; ityala abalilungisa, ityala leenkedama, ukuze zibe nempumelelo; abaligwebi ityala lamahlwempu.
-
29
|Jeremías 5:29|
Ndingaveleli na ke ngenxa yezo nto? utsho uYehova; ungaphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?
-
30
|Jeremías 5:30|
Kwenziwa into emangalisayo, ebanga amanwele ezweni:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21