-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 13:11|
Ngokuba njengokuba umbhinqo unamathela esinqeni sendoda, ndenjenjalo ukuyinamathelisa kum yonke indlu kaSirayeli, nendlu yonke kaYuda, utsho uYehova; ukuze kum ibe ngabantu, ibe ligama, ibe yindumiso, ibe sisihombo; ke abevanga.
-
12
|Jeremías 13:12|
Uze uthethe kubo eli lizwi: Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini. Baya kuthi kuwe, Asazi nokwazi na, ukuba yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini?
-
13
|Jeremías 13:13|
Wothi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazalisa ngokunxila bonke abemi beli lizwe, kwaookumkani abahlalele uDavide etroneni yakhe, nababingeleli, nabaprofeti, nabemi bonke baseYerusalem;
-
14
|Jeremías 13:14|
ndibahlekezele elowo kuwabo, ooyise noonyana kunye, utsho uYehova. Andiyi kuba nalufefe, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba namfesane, ukuba ndingabonakalisi.
-
15
|Jeremías 13:15|
Yivani, nibeke indlebe; musani ukuzidla, ngokuba uYehova uyathetha.
-
16
|Jeremías 13:16|
Mzukiseni uYehova uThixo wenu, engekahlisi ubumnyama, zingekabetheki ezintabeni zocolothi iinyawo zenu; nithembe ukukhanya, ke yena ukwenza ithunzi lokufa, akwenze isithokothoko.
-
17
|Jeremías 13:17|
Ukuba anithanga nikuve oko, wolila umphefumlo wam entsithelweni ngenxa yoqhankqalazo lwenu; lityityizele lityityizela, lihle iinyembezi, iliso lam; ngokuba umhlambi kaYehova uthinjiwe.
-
18
|Jeremías 13:18|
Yithi kukumkani nakwinkosikazi, Zithobeni, hlalani phantsi; ngokuba siyehla ezintlokweni zenu isithsaba sokuhomba kwenu.
-
19
|Jeremías 13:19|
Imizi yelisezantsi ivaliwe, akukho ungayivulayo; uYuda ufudusiwe ephela; ufudusiwe kanye.
-
20
|Jeremías 13:20|
Phakamisani amehlo enu, nibone abavela entla. Uphi na umhlambi obuwunikiwe, impahla yakho emfutshane entle?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7