-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 15:11|
UYehova uthi, Inyaniso, ndiya kukuqinisela wena kokulungileyo; inyaniso, utshaba ndiya kulubongozisa kuwe, ngexesha lobubi nangexesha lembandezelo.
-
12
|Jeremías 15:12|
Sikha saphuke na isinyithi, isinyithi sasentla, nobhedu?
-
13
|Jeremías 15:13|
Ubutyebi bakho nobuncwane bakho ndobunikela ukuba bube lixhoba, kungengaxabiso, ngenxa yezono zakho zonke, nasemideni yakho yonke;
-
14
|Jeremías 15:14|
ndibuweze neentshaba zakho, ndibuye ezweni ongalaziyo; ngokuba kuphenjwe umlilo ngomsindo wam, uvutha phezu kwenu.
-
15
|Jeremías 15:15|
Wena, Yehova, uyazi, Ndikhumbule, undivelele, undiphindezelele kubasukeli bam; ekuzekeni kade komsindo wakho ungandikhukulisi; yazi ukuba ndithwele ihlazo ngenxa yakho.
-
16
|Jeremías 15:16|
Afumaneka amazwi akho, ndawadla; amazwi akho kum aba yimihlali nemivuyo yentliziyo yam, ngokuba ndabizwa ngegama lakho, Yehova, Thixo wemikhosi.
-
17
|Jeremías 15:17|
Andihlalanga embuthweni yabahleki, andidlamkanga nokudlamka; ngenxa yesandla sakho ndahlala ndedwa; ngokuba undizalisile ngokubhavuma.
-
18
|Jeremías 15:18|
Yini na ukuba umvandedwa wam uhlale uhleli, nenxeba lam libulale, lingavumi ukuphola? Wohla ube ngumlambo okhohlisayo na kum, omanzi angahlaliyo na?
-
19
|Jeremías 15:19|
Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ukuba uthe wabuya, ndokubuyisa, ubuye ume phambi kwam; ukuba uthe wakhupha okunqabileyo kokungeni, woba njengomlomo wam; abo baya kubuyela kuwe; ke wena akuyi kubuyela kubo.
-
20
|Jeremías 15:20|
Ndiya kukwenza udonga lobhedu olunqatyisiweyo kwaba bantu, balwe nawe, bangabi nakukuthini; ngokuba ndinawe, ukuze ndikusindise mna, ndikuhlangule; utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4