-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 17:21|
Utsho uYehova ukuthi, Zigcineni ngenxa yemiphefumlo yenu, ningathwali mthwalo ngomhla wesabatha, niwungenise ngamasango aseYerusalem;
-
22
|Jeremías 17:22|
ningaphumi nomthwalo ezindlwini zenu ngomhla wesabatha, ningenzi nalinye ishishini. Wungcwaliseni umhla wesabatha, njengoko ndabawiselayo umthetho ooyihlo.
-
23
|Jeremías 17:23|
Ke abevanga, abazithobanga iindlebe zabo, bayenza lukhuni intamo yabo, ukuze bangevi, ukuze bangavumi ntethiso.
-
24
|Jeremías 17:24|
Kothi ke, ukuba nithe nandiphulaphula, utsho uYehova, anangenisa mthwalo ngamasango alo mzi ngomhla wesabatha, nawungcwalisa umhla wesabatha, anenza nalinye ishishini ngawo:
-
25
|Jeremías 17:25|
kothi ke kungene ngamasango alo mzi ookumkani nabathetheli, abahleli etroneni kaDavide, bekhwele ezinqwelweni nasemahasheni, bona, nabathetheli babo, amadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem; lo mzi umiwe ngonaphakade,
-
26
|Jeremías 17:26|
Baya kuvela emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem, nasezweni lakwaBhenjamin, nasesithabazini, nakwelithe thabalala, nakwelisezantsi, bezisa amadini anyukayo, nemibingelelo, neminikelo yokudla, nentlaka emhlophe; bangenise umbulelo endlwini kaYehova.
-
27
|Jeremías 17:27|
Ke ukuba anithanga nindiphulaphule, ukuba niwungcwalise umhla wesabatha, ningathwali mthwalo, ningangeni ngamasango aseYerusalem ngomhla wesabatha: ndofaka isikhuni emasangweni ayo, udle iingxande ezinde zaseYerusalem, ungacinywa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7