-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 22:11|
Ngokuba utsho ukuthi uYehova, ngoShalum unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, owaba ngukumkani esikhundleni sikaYosiya uyise, owaphuma kule ndawo, Akasayikubuya abuyele apha;
-
12
|Jeremías 22:12|
ke uya kufela endaweni abamfudusele kuyo, angabi sabuya alibone eli lizwe.
-
13
|Jeremías 22:13|
Yeha, oyakhayo indlu yakhe kungengabulungisa, namagumbi akhe aphezulu kungengokusesikweni; komkhonzisayo ummelwane wakhe ngelize, angamniki umvuzo wakhe;
-
14
|Jeremías 22:14|
othi, Ndiya kuzakhela indlu ebanzi, namagumbi aphezulu anombilini; ayigqobhoze iifestile ezininzi, ayifulele ngemisedare, ayiqabe ngembola!
-
15
|Jeremías 22:15|
Unobukumkani na, xa ushiyisela ngokwakha ngemisedare? Uyihlo ubengadli, asele, enze okusesikweni nobulungisa, yini na, kwaza kwalunga kuye?
-
16
|Jeremías 22:16|
Ubeligweba ityala losizana nolihlwempu; kwaza kwalunga. Asikuko na oko ukundazi? utsho uYehova.
-
17
|Jeremías 22:17|
Ngokuba akabheke ntweni amehlo akho nentliziyo yakho, kuphela akwinzuzo yakho nakwigazi labamsulwa, ukuze liphalazwe; asekucudiseni nasekuvikiveni, ukuba wenze oko.
-
18
|Jeremías 22:18|
Ngako oko utsho uYehova ngoYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Abayi kummbambazelela, besithi, Yoo, mnakwethu! yoo, dade wethu! Abayi kummbambazelela, besithi, Yoo, nkosi! Yoo, ndili yakhe!
-
19
|Jeremías 22:19|
Uya kungcwatywa ngokungcwatywa kwe-esile, akrwiqilizwe, alahlwe kude namasango aseYerusalem.
-
20
|Jeremías 22:20|
Nyuka eLebhanon, ukhale; naseBhashan khupha izwi lakho, ukhale eHabharim; ngokuba zaphukile zonke izithandane zakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3