-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 25:21|
uEdom, noMowabhi, noonyana baka-Amon;
-
22
|Jeremías 25:22|
nookumkani bonke baseTire, nookumkani bonke baseTsidon, nookumkani bonke besiqhithi esiphesheya kolwandle;
-
23
|Jeremías 25:23|
uDedan, noTema, noBhizi, noonquthula-iinwele bonke;
-
24
|Jeremías 25:24|
nookumkani bonke bama-Arabhi, nookumkani bonke bomxukuxela omiyo entlango;
-
25
|Jeremías 25:25|
nookumkani bonke bamaZimri, nookumkani bonke bamaElam, nookumkani bonke bamaMedi;
-
26
|Jeremías 25:26|
nookumkani bonke belasentla, abakufuphi nabakude, elowo nomzalwana wakhe, nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba; asele emva kwabo ukumkani waseSheshaki.
-
27
|Jeremías 25:27|
Ngoko ke wothi kubo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Selani ninxile, nihlanze, niwe, ningavuki, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwenu.
-
28
|Jeremías 25:28|
Kothi, xa bathe abavuma ukuyithabatha indebe esandleni sakho ukuba basele, uthi kubo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Niya kusela ngenene.
-
29
|Jeremías 25:29|
Ngokuba, yabonani, ndiqalela emzini obizwa ngegama lam, ukuhlisa ububi; ningaba msulwa nide nibe msulwa na ke nina? Aniyi kuba msulwa; ngokuba ikrele ndilibizela bonke abemi behlabathi; utsho uYehova wemikhosi.
-
30
|Jeremías 25:30|
Ke wena uze ubaprofetele loo mazwi onke, uthi kubo, UYehova uya kubharhula phezulu, alikhuphe ilizwi lakhe ekhayeni lakhe eliyingcwele; uya kubharhula alibharhulele ikriwa lakhe; uya kubahlabela amayeyeye, njengabaxovuli beediliya, bonke abemi behlabathi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3