-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 28:11|
Wathetha uHananiya emehlweni abantu bonke, esithi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukuyaphula idyokhwe kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngale minyaka mibini iza kuzaliseka, ezintanyeni zeentlanga zonke. Wemka ke uYeremiya umprofeti, wahamba indlela yakhe.
-
12
|Jeremías 28:12|
Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya emva kokuyaphula kukaHananiya umprofeti idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, lisithi,
-
13
|Jeremías 28:13|
Yiya uthethe kuHananiya, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Uzaphule iidyokhwe zomthi, ke yenza iidyokhwe zesinyithi esikhundleni sazo.
-
14
|Jeremías 28:14|
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndibeke idyokhwe yesinyithi ezintanyeni zezo ntlanga zonke, ukuze zimkhonze uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; ziya kumkhonza ke; kwanamaramncwa asendle ndiwanikele kuye.
-
15
|Jeremías 28:15|
Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, Khawuve, Hananiya; uYehova akakuthumanga; wena aba bantu ubakholosisa ngobuxoki.
-
16
|Jeremías 28:16|
Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiva kukugxotha ebusweni bomhlaba; uya kufa nonyakanje, ngokuba uthethe elokukreqa kuYehova.
-
17
|Jeremías 28:17|
Wafa ke uHananiya umprofeti ngaloo mnyaka, ngenyanga yesixhenxe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7