-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Jeremías 2:31|
Sizukulwanandini, likhangeleni ilizwi likaYehova. Bendiyintlango na kuSirayeli? Bendililizwe lesithokothoko na? Kungathuba lini na ukuba bathi abantu bam, Siyaphaphatheka, asizi kuwe?
-
32
|Jeremías 2:32|
Iyazilibala na intombi izivatho zayo, umtshakazi uyazilibala na iinqwemesha zakhe? Ke bona abantu bam bandilibele imihla engenakubalwa.
-
33
|Jeremías 2:33|
Uyakwazi ukuyilungisa indlela yakho ngokufuna uthando; ngako oko iindlela zakho uziqhelisa izinto ezimbi.
-
34
|Jeremías 2:34|
Kwanasemasondweni akho kufumaneka igazi lemiphefumlo yamahlwempu amsulwa; akuwafumananga egqobhoza zindlu: bekungenxa yoku konke.
-
35
|Jeremías 2:35|
Ukanti uthi ke, Ndimsulwa, ewe, umsindo wakhe ubuyile kum. Yabona, ndiya kumangalelana nawe ngenxa yokuba usithi, Andonanga.
-
36
|Jeremías 2:36|
Yini na ukuba uzulazule kangaka, uyijike indlela yakho? Uya kudana ngenxa yeYiputa, njengokuba udanile ngenxa yeAsiriya.
-
37
|Jeremías 2:37|
Nakuyo leyo uya kuphuma, zisentloko izandla zakho; ngokuba uYehova uya kubacekisa okholose ngabo, ungabi nampumelelo ngabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3