-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 37:11|
Kwathi, ekumkeni kwempi yamaKaledi eYerusalem ngenxa yempi kaFaro,
-
12
|Jeremías 37:12|
waphuma uYeremiya eYerusalem, esiya ezweni lakwaBhenjamin, ukuba athabathe khona isahlulelo sakhe phakathi kwabantu.
-
13
|Jeremías 37:13|
Kwathi, esesangweni lakwaBhenjamin, ekhona nomphathi-balindi, ogama linguIriya unyana kaShelemiya, unyana kaHananiya, wambamba uYeremiya umprofeti, esithi, Uphambela kumaKaledi.
-
14
|Jeremías 37:14|
Wathi uYeremiya, Uyaxoka; andiphambeli kumaKaledi. Ke akamphulaphula; uIriya wambamba uYeremiya, wamsa kubathetheli.
-
15
|Jeremías 37:15|
Abathetheli bamqumbela uYeremiya, bambetha, bamfaka endlwini yababanjwa, endlwini yombhali uYonatan; ngokuba babeyenze intolongo.
-
16
|Jeremías 37:16|
Xa uYeremiya ebengenile endlwini engumhadi, ezingontsini, wahlala khona uYeremiya imihla emininzi.
-
17
|Jeremías 37:17|
Uthe ke ukumkani uZedekiya wathumela, wamthabatha; ukumkani wambuza endlwini yakhe ngasese, wathi, Kukho lizwi na liphuma kuYehova? Wathi uYeremiya, Likho; wathi, Uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabheli.
-
18
|Jeremías 37:18|
Wathi uYeremiya kukumkani uZedekiya, Ndone ngantoni na kuwe, nakubakhonzi bakho, nakwaba bantu, ukuba nindifake entolongweni nje?
-
19
|Jeremías 37:19|
Baphi na ke abaprofeti benu ababeprofeta kuni, besithi, Ukumkani waseBhabheli akayi kunifikela nina, nalo eli lizwe?
-
20
|Jeremías 37:20|
Kaloku ke khawuphulaphule, nkosi yam kumkani, makuwe phambi kwakho ukutarhuzisa kwam; musa ukundibuyisela endlwini kaYonatan umbhali, hleze ndifele khona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21