-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 3:1|
Kuthiwa, Ukuba ithe indoda yamgxotha umkayo, wemka kuyo, waba ngowandoda yimbi, inokumbuyela na? Alingebi lihlanjelwe na elo lizwe? Wena ke uhenyuzile nezithandane ezininzi; unokubuyela na ke kum? utsho uYehova.
-
2
|Jeremías 3:2|
Phosa amehlo akho eluqayini ubone; kuphi na apho ungalalwanga khona? Wabahlalela ngasezindleleni, njengomArabhi entlango; walihlambela ilizwe ngokuhenyuza kwakho, nangezinto zakho ezimbi.
-
3
|Jeremías 3:3|
Yathintelwa ke imikhumezelo, ayeza nemvula evuthisayo; usuke wanebunzi lehenyukazi, akwavuma ukuba neentloni.
-
4
|Jeremías 3:4|
Akuyi kuthi na ngoku undibize, uthi, Bawo, ulikholwane lobutsha bam?
-
5
|Jeremías 3:5|
Uya kuba nenqala ngonaphakade na, ahlale ewugcinile na umsindo? Yabona, uthetha njalonje, wenza ububi, ubufezile.
-
6
|Jeremías 3:6|
Wathi uYehova kum ngemihla yokumkani uYosiya, Ukubonile na elikwenzileyo iphambakazi uSirayeli? Belihamba phezu kweentaba zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, lihenyuza khona.
-
7
|Jeremías 3:7|
Ndathi, emveni kokuba likwenzile oko konke, Liya kubuyela kum. Lasuka alabuya; lakubona oko ingininginikazi, udade wabo uYuda.
-
8
|Jeremías 3:8|
Ndabona ukuba, noko iphambakazi uSirayeli likrexezileyo, ndaligxotha, ndalinika incwadi yokwahlukana nalo, lisuke noko ingininginikazi uYuda, udade walo aloyika; lasuka ke laya kuhenyuza nalo.
-
9
|Jeremías 3:9|
Kwathi, ngenxa yesandi sokuhenyuza kwalo, lahlanjelwa ilizwe, lakrexeza namatye nemithi.
-
10
|Jeremías 3:10|
Nakuko konke oko, alabuyela kum ingininginikazi, udade walo uYuda, ngentliziyo yonke; kwaba ngokuxoka; utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4