-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 40:11|
NamaYuda onke abe ekwelakwaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakwelakwaEdom, nabasemazweni onke, eva ukuba ukumkani waseBhabheli umise amasalela kwaYuda, nokuba umenze umveleli wawo uGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan.
-
12
|Jeremías 40:12|
Abuya ke onke amaYuda, ezindaweni zonke abegxothelwe kuzo, eza elizweni lakwaYuda kuGedaliya eMizpa, abutha iwayini neziqhamo zasehlotyeni, zazininzi kakhulu.
-
13
|Jeremías 40:13|
Ke kaloku uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababesemaphandleni, beza kuGedaliya eMizpa.
-
14
|Jeremías 40:14|
Bathi kuye, Uhleli usazi na ukuba uBhahalisi, ukumkani woonyana baka-Amon, uthume uIshmayeli unyana kaNetaniya, ukuba akubulale? Ke uGedaliya unyana ka-Ahikam ubengakholwa ngabo.
-
15
|Jeremías 40:15|
UYohanan unyana kaKareha wathetha kuGedaliya ngasese eMizpa, wathi, Makhe ndiye ndimbulale uIshmayeli unyana kaNetaniya, kungazi mntu; yini na ukuba ade abulale wena, achithwachithwe amaYuda onke ahlanganisene kuwe, atshabalale amasalela akwaYuda?
-
16
|Jeremías 40:16|
UGedaliya unyana ka-Ahikam wathi kuYohanan unyana kaKareha, Musa ukuyenza loo nto; ngokuba uthetha ubuxoki ngoIshmayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5