-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 44:1|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya ngokusingisele kumaYuda onke ahleliyo ezweni laseYiputa, ahleli eMigidoli, naseTapanesi, naseNofu, nasezweni lasePatrosi, lalisithi:
-
2
|Jeremías 44:2|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nibubonile ububi bonke endayizisela bona iYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda. Niyabona, ingamanxuwa ngayo le mini, akukho umiyo kuyo;
-
3
|Jeremías 44:3|
ngenxa yobubi ababenzayo, ukuze bandiqumbise ngokuya kuqhumisela nokukhonza thixo bambi, ababengabazi bona, nani, nooyihlo.
-
4
|Jeremías 44:4|
Ndathumela kuni bonke abakhonzi bam abaprofeti, ndibathuma ndivuka kusasa, ndisithi, Musani ukukha niyenze le nto ingamasikizi, ndiyithiyileyo.
-
5
|Jeremías 44:5|
Noko ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo, ukuba babuye ebubini babo, bangaqhumiseli thixweni bambi.
-
6
|Jeremías 44:6|
Baphalazeka ke ubushushu bam nomsindo wam, watshisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zeYerusalem; yaba linxuwa, yabharha, njengoku kunjalo namhla.
-
7
|Jeremías 44:7|
Kaloku utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yini na ukuba niyenzele ububi obukhulukangaka imiphefumlo yenu, bokunqumla kuni indoda nomfazi, umntwana nosebeleni, kwelakwaYuda, kungasali masalela kuni;
-
8
|Jeremías 44:8|
ngokundiqumbisa ngezenzo zezandla zenu, ngokuqhumisela thixweni bambi ezweni laseYiputa, eneza kuphambukela kulo; ukuze nizinqumle ngokwenu, nibe yintshabhiso nesingcikivo ezintlangeni zonke zehlabathi?
-
9
|Jeremías 44:9|
Nizilibele na izinto ezimbi zooyihlo; izinto ezimbi zookumkani bakwaYuda, nezinto ezimbi zabafazi babo, nezinto ezimbi zenu ngokwenu, nezinto ezimbi zabafazi benu, abazenzayo ezweni lakwaYuda nasezitratweni zeYerusalem?
-
10
|Jeremías 44:10|
Unanamhla abatyumkanga, aboyikanga, abahambanga ngomyalelo wam nangemimiselo yam, endayibeka phambi kwenu naphambi kooyihlo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7