-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 46:21|
Kanjalo imikhosi yayo eqeshiweyo phakathi kwayo injengamathole asesitalini; inene, nayo leyo ijikile, iyasaba kunye, ayimi; ngokuba uyifikele umhla wokusindeka kwayo, ixesha lokuvelelwa kwayo.
-
22
|Jeremías 46:22|
Isandi sayo sinjengokuhamba kwenyoka; ngokuba bahamba ngobukroti, bayifikele ngezixengxe njengabagawuli bemithi.
-
23
|Jeremías 46:23|
Bagawula ihlathi layo, utsho uYehova, nokuba lithe shinyi; ngokuba baninzi ngaphezu kweenkumbi, abanakubalwa.
-
24
|Jeremías 46:24|
Intombi eyiYiputa ihlazekile, inikelwe esandleni sabantu belasentla.
-
25
|Jeremías 46:25|
Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, Yabona, ndiyamvelela uAmon waseNo, noFaro, neYiputa, noothixo bayo, nobukumkani bayo, kwauFaro nabakholose ngaye.
-
26
|Jeremías 46:26|
Ndobanikela esandleni sabafuna umphefumlo wabo, esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, nasesandleni sabakhonzi bakhe; emveni koko imiwe njengokwemihla yamandulo; utsho uYehova.
-
27
|Jeremías 46:27|
Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi; ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukusindisa kwakude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi.
-
28
|Jeremías 46:28|
Musa ukoyika, wena mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova; ngokuba ndinawe; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endikugxothele kuzo. Ke wena andiyi kukugqibela kuphele; ndokuthethisa ngokusesikweni; andiyi kuthi umsulwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7