-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 49:11|
Shiya iinkedama zakho; ndiya kuziphilisa, bakholose ngam abahlolokazi bakho.
-
12
|Jeremías 49:12|
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ababengenalungelo lakuyisela indebe, inene baya kuyisela; wena ke ungoya kuba msulwa, ube msulwa na? Akuyi kuba msulwa, ngokuba inene uya kusela.
-
13
|Jeremías 49:13|
Ngokuba ndizifungile mna, utsho uYehova, ndathi, IBhotsera iya kuba ngummangaliso, nesingcikivo, nenxuwa, nentshabhiso; nemizi yayo yonke ibe ngamanxuwa angunaphakade.
-
14
|Jeremías 49:14|
Ndive udaba luphuma kuYehova, kuthunywe isigidimi ezintlangeni sokuthi, Zihlanganiseni, nimfikele, nisuke nilwe.
-
15
|Jeremías 49:15|
Ngokuba, uyabona, ndikwenze wamncinane ezintlangeni, wadeleka phakathi kwezizwe.
-
16
|Jeremías 49:16|
Ukududuzelisa kwakho kukulukuhlile, ukukhukhumala kwentliziyo yakho, wena uhleli ezimfanteni zengxondorha, wena ubambe intlomo yenduli. Ngokuba uthe wayakhela phezulu njengexhalanga indlu yakho, ndokuthoba apho; utsho uYehova.
-
17
|Jeremías 49:17|
Uya kuba ngummangaliso uEdom; bonke abadlula kuye baya kumangaliswa, benze umsondlo, ngenxa yokubethwa kwakhe konke.
-
18
|Jeremías 49:18|
Njengoko kwabanjalo ekubhukuqekeni kweSodom neGomora nemimelwane yayo, utsho uYehova, akuyi kuhlala mntu khona, akuyi kuphambukela nyana womntu khona.
-
19
|Jeremías 49:19|
Yabona, utshaba luya kunyuka njengengonyama ephuma ekweneni kweYordan, luye ekhayani eliyingxondorha; ngokuba ndiya kumgxotha ngephanyazo kulo; osukuba enyuliwe, ndimenzele umveleli; ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundimema? ngubani na loo malusi uya kuma phambi kwam?
-
20
|Jeremías 49:20|
Ngako oko yivani icebo likaYehova, alicebileyo ngoEdom, neengcinga zakhe, azicingileyo ngabemi bakwaTeman; inene, baya kuzikrwiqiliza ezincinane zomhlambi; inene, liya kumangaliswa zizo ikriwa lazo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3