-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 9:1|
Ayaba intloko yam ibingamanzi, amehlo am aba lithende leenyembezi; bendiya kubalilela imini nobusuku ababuleweyo bentombi yabantu bakowethu!
-
2
|Jeremías 9:2|
Akwaba bendinendawo yokulalisa kwabahambi entlango; bendiya kubashiya abantu bakowethu, ndimke kubo! Ngokuba bonke ngabakrexezi, yingqungquthela yamanginingini.
-
3
|Jeremías 9:3|
Bayalutyeda ulwimi lwabo ngobuxoki njengesaphetha; abaphathi ngokuthembeka ezweni; baphuma entweni embi, bangene entweni embi, babe mna ke bengandazi; utsho uYehova.
-
4
|Jeremías 9:4|
Elowo makamlumkele ummelwane wakhe, ningakholosi nangomzalwana; ngokuba wonke umzalwana wenza ubuqhinga, wonke ummelwane uhamba ehleba.
-
5
|Jeremías 9:5|
Elowo uyamkhohlisa ummelwane wakhe, abathethi nyaniso; bafundisa ulwimi lwabo ukuthetha ubuxoki, bazidinise ngokwenza okugwenxa.
-
6
|Jeremías 9:6|
Ukuhlala kwakho kuphakathi kwenkohliso; ngenkohliso abavumi ukundazi; utsho uYehova.
-
7
|Jeremías 9:7|
Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kubanyibilikisa, ndibacikide; ngokuba ndingathini na ngenxa yentombi yabantu bam?
-
8
|Jeremías 9:8|
Lutolo olubulalayo ulwimi lwabo; bathetha inkohliso; omnye uthetha uxolo ngomlomo wakhe kummelwane wakhe, ukanti embilinini wakhe umlalele.
-
9
|Jeremías 9:9|
Mandingabaveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungaziphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?
-
10
|Jeremías 9:10|
Ngenxa yeentaba ndibeka isililo nesimema, nangenxa yamakriwa entlango ndibeka isimbonono; ngokuba afakwe isikhuni, akwabakho bani ugqithayo kuwo, alavakala izwi lemfuyo; kuthabathela ezintakeni zezulu lwesa ezilweni, kusatyiwe, kwemkiwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40