-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Jeremías 14:1|
Into eyafikayo kuYeremiya, ililizwi likaYehova, ngendawo yokunqumka kwemvula.
-
2
|Jeremías 14:2|
Linesijwili elakwaYuda; amasango alo athe matshamatsha, ahlala emhlabeni enezimnyama zokuzila; kuyenyuka ukukhala kweYerusalem.
-
3
|Jeremías 14:3|
Iingangamsha zabo zithuma abaphantsi kwazo amanzi; bafika emaquleni, bangafumani manzi; babuya imiphanda yabo ize, bedanile; bathi nqa, bagqubuthele intloko.
-
4
|Jeremías 14:4|
Ngenxa yomhlaba oqhiphuke umbilini, kuba kungabangakho mvula ezweni, abalimi badanile, bagqubuthele intloko.
-
5
|Jeremías 14:5|
Ewe, nemazi yexhama iyazala endle, iyishiye inkonyana, ngokuba kungekho luhlaza.
-
6
|Jeremías 14:6|
Namaesile asendle emi eluqayini, esezela umoya njengeempungutye; ayaphela amehlo awo, ngokuba kungekho mifuno.
-
7
|Jeremías 14:7|
Ukuba ubugwenxa bethu bungqina ngathi, Yehova, yenza ngenxa yegama lakho; ngokuba kuninzi ukuphamba kwethu; sonile kuwe.
-
8
|Jeremías 14:8|
Themba likaSirayeli, Msindisi wakhe ngexesha lembandezelo, yini na ukuba ube njengomphambukeli kweli lizwe, ube njengomhambi olalise okobusuku obunye?
-
9
|Jeremías 14:9|
Yini na ukuba ube njengendoda esuke yathi nka, ube njengegorha elingenakusindisa; kanti uphakathi kwethu, Yehova, negama lakho sibizwe ngalo. Musa ukusiyekela.
-
10
|Jeremías 14:10|
Utsho uYehova kwaba bantu, ukuthi, Benjenje ukuthanda ukubhadula; iinyawo zabo abazinqandanga; uYehova akakholiswa ngabo; kungoku uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3