-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 14:11|
Wathi uYehova kum, Musa ukubathandazela aba bantu, ukuba kulunge kubo.
-
12
|Jeremías 14:12|
Xa bazila ukudla, andiyi kukuphulaphula ukuhlahlamba kwabo; naxa banyusa amadini anyukayo neminikelo yokudla, andiyi kukholiswa ngawo; ke ndiya kubaphelisa ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa.
-
13
|Jeremías 14:13|
Ndaza ndathi, Kwowu, Nkosi Yehova, yabona, abaprofeti bathi kubo, Aniyi kubona krele, nendlala aniyi kuba nayo; ndiya kuninika uxolo oluyinyaniso kule ndawo.
-
14
|Jeremías 14:14|
Wathi uYehova kum, Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam; andibathumanga, andibawiselanga mthetho, andithethanga kubo; bona baniprofetela umbono wobuxoki, nokuvumisa, nento engento, nenkohliso yentliziyo yabo.
-
15
|Jeremías 14:15|
Ngako oko uthi uYehova, ngokusingisele kubaprofeti abaprofeta egameni lam, ndingabathumanga mna, abathi, Akuyi kubakho krele nandlala kweli lizwe; uthi, Baya kufa likrele nayindlala bona abo baprofeti.
-
16
|Jeremías 14:16|
Naba bantu, baprofetela bona, baya kuba yimilahlwa ezitratweni zaseYerusalem ngenxa yendlala nekrele; kungabikho ubangcwabayo, bona, nabafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, ndibaphalazele ngeento zabo ezimbi.
-
17
|Jeremías 14:17|
Ngoko uze uthethe kubo eli lizwi lokuthi, Amehlo am ahla iinyembezi ubusuku nemini, angaphezi; ngokuba yaphulwe ngolwaphulo olukhulu inkazana eyintombi yabantu bakowethu, ngenxeba elibulalayo kakhulu.
-
18
|Jeremías 14:18|
Ukuba ndithe ndaphuma ndaya emaphandleni, nabo ababuleweyo likrele; ukuba ndithe ndangena kuwo umzi, nabo abafa yindlala; ngokuba umprofeti kwanombingeleli bayaquleka ezweni abangalaziyo.
-
19
|Jeremías 14:19|
Umcekise kwaphela na uYuda? Udimele na yiZiyon umphefumlo wakho? Yini na ukuba usibethe, singabi nakuphiliswa? Sithembe uxolo, akwabakho nto ilungileyo; sithembe ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka.
-
20
|Jeremías 14:20|
Siyakwazi, Yehova, okungendawo kwethu, ubugwenxa boobawo; ngokuba sonile kuwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21