-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 31:11|
Ngokuba uYehova ummisele wamkhulula uYakobi; umhlawulele wamkhulula esandleni sowomeleleyo kunaye.
-
12
|Jeremías 31:12|
Baya kuza bamemelele ezindulini zaseZiyon, basinge kwizinto ezilungileyo zikaYehova, engqoloweni, nasewayinini entsha, naseolini, nasemgqekwini weegusha neenkomo; imiphefumlo yabo ibe njengomyezo onyelwa ngamanzi, uvunde; bangabi saphinda bathe amandla.
-
13
|Jeremías 31:13|
Iya kwandula intombi ivuye ekungqungqeni, namadodana namadoda amakhulu kunye; ndisenze isijwili sabo sibe yimihlali, ndibathuthuzele, ndibavuyise, bangabi nasingqala.
-
14
|Jeremías 31:14|
Ndowuseza uhluthe umphefumlo wababingeleli ngamafutha, bahluthe abantu bam zizinto zam ezilungileyo; utsho uYehova.
-
15
|Jeremías 31:15|
Utsho uYehova ukuthi, Kuvakele izwi eRama, isimema, isililo esikrakra: uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, ngenxa yabantwana bakhe, ngokuba bengasekho.
-
16
|Jeremías 31:16|
Utsho uYehova ukuthi, Lithintele ilizwi lakho, lingalili, namehlo akho angabi nanyembezi; ngokuba unomvuzo umsebenzi wakho, utsho uYehova; baya kubuya ezweni lotshaba.
-
17
|Jeremías 31:17|
Linethemba ikamva lakho, utsho uYehova; oonyana bakho baya kubuyela emdeni wabo.
-
18
|Jeremías 31:18|
Ndimvile ngenene uEfrayim, ehlunguzela intloko, esithi, Undiqeqeshile ndaqeqesheka njengethole elingekathambi; ndibuyise, ndibuye; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wam.
-
19
|Jeremías 31:19|
Ngokuba emva kokukutshikilela kwam ndazohlwaya, emva kokwaziswa kwam ndabetha ethangeni lam; ndadana, ndeva ihlazo, ngokuba ndithwele isingcikivo sobuncinane bam.
-
20
|Jeremías 31:20|
Ngunyana onqabileyo na kum uEfrayim? Ngumntwana wokuteketiswa na, le nto ndithi, ndakuthetha ngaye ndimchasile, ndisuke ndimkhumbule ngakumbi? Ngenxa yoko izibilini zam ziyasika ngaye; inene, ndiya kuba nemfesane kuye, utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Efesios 1-3