-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 31:21|
Zimiseleni izalathiso, zigxumekeleni izibonda; yibhekise intliziyo yakho emendweni, endleleni owahamba ngayo. Buya, ntombi inguSirayeli, buyela emizini yakowenu.
-
22
|Jeremías 31:22|
Kunini na unxaxhanxaxha, ntombi iphambayo? ngokuba uYehova udala into entsha ehlabathini: inkazana iya kuphahla indoda.
-
23
|Jeremías 31:23|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Basaya kulithetha eli lizwi ezweni lakwaYuda nasemizini yakhona, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, lokuthi, UYehova makakusikelele, khaya lobulungisa, ntaba yobungcwele.
-
24
|Jeremías 31:24|
Aya kuma khona amaYuda nemizi yawo yonke kunye; abalimi, nabahamba emathanga benemihlambi yabo.
-
25
|Jeremías 31:25|
Ngokuba ndiyawuseza uhluthe umphefumlo otyhafileyo; ndowanelisa umphefumlo wonke othe amandla.
-
26
|Jeremías 31:26|
Kwakubanjalo, ndavuka, ndakhangela; ubuthongo bam bebumnandi kum.
-
27
|Jeremías 31:27|
Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuyihlwayela indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ngembewu yomntu, nangembewu yenkomo.
-
28
|Jeremías 31:28|
Kuya kuthi njengoko ndabaphaphelayo ukuba ndinyothule, ukuba ndidilize, ukuba ndigungxule, ukuba nditshabalalise, ukuba ndenze kube kubi: ngokunjalo ndibaphaphele ukuba ndakhe, ukuba ndityale; utsho uYehova.
-
29
|Jeremías 31:29|
Ngaloo mihla abasayi kuba sathi, Ooyise badle iidiliya ezimuncu, amazinyo oonyana aba buthelezi;
-
30
|Jeremías 31:30|
ke elowo uya kufa ngenxa yobakhe ubugwenxa; umntu wonke odla iidiliya ezimuncu, nguye omazinyo aya kuba buthelezi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Efesios 1-3