-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Jeremías 33:11|
kuviwe izwi lemihlali nezwi lemivuyo; izwi lomyeni nezwi lomtshakazi; izwi labathi, Bulelani kuYehova wemikhosi, ngokuba elungile uYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; abazisa imibulelo endlwini kaYehova. Ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwelizwe, limiwe njengokwasekuqaleni; utshilo uYehova.
-
12
|Jeremías 33:12|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kule ndawo ilinxuwa, ingenamntu, ingenankomo, nasemizini yayo yonke, kuya kubuya kubekho ikriwa labalusi, ababuthela imihlambi yabo kulo.
-
13
|Jeremías 33:13|
Emizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi, nasezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke eYerusalem, nasemizini yakwaYuda, iya kubuya igqithe imihlambi phantsi kwezandla zoyibalayo; utsho uYehova.
-
14
|Jeremías 33:14|
Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kulimisa ilizwi elilungileyo, endalithethayo kwindlu kaSirayeli nakwindlu kaYuda.
-
15
|Jeremías 33:15|
Ngaloo mihla nangelo xesha, ndiya kumhlumisela uDavide iHlumelo loBulungisa, eliya kwenza ngokwesiko nobulungisa ezweni.
-
16
|Jeremías 33:16|
Ngaloo mihla lona liya kusindiswa elakwaYuda, ihlale ikholosile iYerusalem, ukubizwa kwayo kuthiwe, UYehova-ububulungisa-bethu.
-
17
|Jeremías 33:17|
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, UDavide akayi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yendlu kaSirayeli;
-
18
|Jeremías 33:18|
banganqunyukelwa ndoda ababingeleli abangabaLevi, yakunyusa amadini anyukayo ebusweni bam, iqhumisele ngeminikelo yokudla, yenze imibingelelo imihla yonke.
-
19
|Jeremías 33:19|
Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,
-
20
|Jeremías 33:20|
Utsho uYehova ukuthi, Ukuba nithe nawaphula umnqophiso wam wemini, nomnqophiso wam wobusuku, ukuze kungabikho mini nabusuku ngexesha elililo:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7