-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 33:21|
woba uya kwaphulwa nawo umnqophiso wam noDavide umkhonzi wam, ukuba angabi nanyana ungukumkani etroneni yakhe; kwanabaLevi ababingeleli, abalungiselela mna.
-
22
|Jeremías 33:22|
Njengokuba ungenakubalwa umkhosi wezulu, ingenakulinganiselwa intlabathi yolwandle, ndiya kwenjenjalo ukuyandisa imbewu yomkhonzi wam uDavide, nabaLevi abalungiselela mna.
-
23
|Jeremías 33:23|
Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,
-
24
|Jeremías 33:24|
Akukuboni na abakuthethayo aba bantu, besithi, Imizalwane yomibini, awayinyulayo uYehova, uyicekisile yona? Babagiba ke abam abantu, ngokokude bangabi saba luhlanga phambi kwabo.
-
25
|Jeremías 33:25|
Utsho uYehova ukuthi, Ukuba awumi umnqophiso wam wemini nowobusuku, ukuba imimiselo yezulu neyehlabathi andiyimisanga,
-
26
|Jeremías 33:26|
ndoba ndiya kuyicekisa nembewu kaYakobi noDavide umkhonzi wam; ukuba embewini yakhe ndingabi sathabatha abayilawulayo imbewu ka-Abraham noIsake noYakobi, ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo, ndibe nemfesane kubo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 4-5