-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Jeremías 50:21|
Ilizwe lakwaNkani-ziphindwe-kabini, nyuka uye kulo kanye, kubemi belakwaKohlwaywa; bharhisa usingele phantsi emva kwabo, utsho uYehova; wenze ngako konke endakuwisela umthetho ngako.
-
22
|Jeremías 50:22|
Isithonga semfazwe siselizweni, nokwaphuka okukhulu.
-
23
|Jeremías 50:23|
Hayi, ukuxakaxwa, ukwaphulwa kwesando sehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa kweBhabheli ummangaliso phakathi kweentlanga!
-
24
|Jeremías 50:24|
Ndikuthiyele, wabanjiswa nokubanjiswa, Bhabheli, ungazi ke wena; ufunyenwe, wathinjwa nokuthinjwa, ngokuba ulwe noYehova.
-
25
|Jeremías 50:25|
UYehova uyivulile indlu yezixhobo zakhe, wazikhupha iimpahla zokubhavuma kwakhe; ngokuba inomsebenzi iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lamaKaledi.
-
26
|Jeremías 50:26|
Yizani kulo, nivale ngeenxa zonke; vulani amaqonga alo; lifumbeni ngokwezidimbilili, nilisingele phantsi, kungasali nento kulo.
-
27
|Jeremías 50:27|
Hlabani zonke iinkunzi zalo ezintsha zeenkomo; mazithotyelwe ekuxhelweni, Yeha ke bona! Ngokuba iyeza imini yabo, ixesha lokuvelelwa kwabo.
-
28
|Jeremías 50:28|
Phulaphulani! Nabo abasabayo, abasindayo ezweni laseBhabheli, ukuba baxele eZiyon impindezelo kaYehova uThixo wethu, impindezelo yetempile yakhe.
-
29
|Jeremías 50:29|
Bahlabeleni umkhosi abatoli, beze eBhabheli, bonke abatyedi besaphetha; yingqingeni ngeenxa zonke. Makungabikho usindayo; yivuzeni ngokomsebenzi wayo; ngako konke eyakwenzayo, yenzani ngako kuyo; ngokuba ikhukhumele kuYehova, koyiNgcwele kaSirayeli.
-
30
|Jeremías 50:30|
Ngako oko aya kuwa ezitratweni zayo amadodana ayo, athi shwaka ngaloo mini onke amadoda ayo okulwa; utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7