-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Jeremías 50:41|
Yabonani, kuza abantu, bevela entla, uhlanga ke olukhulu; nookumkani abaninzi bayaxhoxhwa, bevela eziphelweni zehlabathi.
-
42
|Jeremías 50:42|
Baphethe isaphetha nenkcula, bazizijorha, abanamfesane; ilizwi labo liguguma njengolwandle, bakhwele emahasheni, bekuxhobele njengendoda yokulwa, ntombi iyiBhabheli.
-
43
|Jeremías 50:43|
Uve iindaba zabo ukumkani waseBhabheli, zasuka zawa izandla zakhe; imbandezelo imbambile, uyazibhijabhija njengozalayo.
-
44
|Jeremías 50:44|
Yabonani, utshaba luya kunyuka njengengonyama, luphume ekweneni kweYordan, luye ekhayeni eliyingxondorha; ngokuba ndiya kumgxotha ngephanyazo kulo, osukuba enyulwe, ndimenzele umveleli walo; ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundimema? ngubani na loo malusi uya kuma phambi kwam?
-
45
|Jeremías 50:45|
Ngako oko, liveni icebo likaYehova, alicebileyo ngeBhabheli, neengcinga zakhe, azicingileyo ngelizwe lamaKaledi; esithi, Inene, baya kuzikrwiqiliza ezincinane zomhlambi; inene, liya kumangaliswa zizo ikriwa lazo.
-
46
|Jeremías 50:46|
Ngenxa yelizwi elithi, Ibanjiwe iBhabheli, liyanyikima ihlabathi; kuvakala isikhalo ezintlangeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21